Isitalato ohamba kuso sinezithuthi eziya kwicala elinye kuphela. Ngaphambili sinqunyulwa sisitalato esinezithuthi eziya kumacala omabini.
Khetha umzila wokujika owufunayo ngaphambi kokufika kwindawo yokuwela. Ukuba usekhohlo ufuna ukujika ekunene, yiya kumzila wasekunene ngokukhuselekileyo kwangaphambili. Ukuba usekunene ufuna ukujika ekhohlo, yiya kumzila wasekhohlo ngokukhuselekileyo kwangaphambili.
Apho unokululindela khona: Ezidolophini.
